uSodolophu wosuku uCeba Lindiwe Mdabula ephelekwe ngoCeba kunye namagosa kamasipala bandwendwele iSizwe samaRaule (Amaraule Traditional Council) kwilali yakwaTuku kwa Wadi 5 ngenjongo yokuthethathethana nabo malunga nomba obalulekileyo wokusekwa ngokutsha kwendawo yokulahla inkunkuma kwisiza esikumhlaba okude kwilali yaseLeqeni.
UCeba Lindwe Mdabula kwinkcazelo yakhe uphefumle wathi, “ngethuba kwakusekwa indawo yokulahla inkunkuma kwaWadi 8 kwakungekho zindlu kufutshane nendawo leyo”. Uhambise wathi idolophu iye yakhula kwabakho uphuhliso lokwakhiwa kwezindlu, kwabonakala kuba abantu abakhuselekanga kwaye nemithetho yezendalo ayivumi izindlu zibe kufutshane nendawo yokulahla inkunkuma. uCeba Mdabula ucacisile kwakhona esithi, “umasipala usebenza ngemithetho kwaye uyikhathalele impilo yabantu, uye wakwiphulo lokukhangela isiza esikude nendawo ehlala abantu. Indawo ezahlukeneyo zihloliwe kweli leNgqushwa, kodwa kwafunyaniswa ukuba umhlaba okude kwilali yaseLeqeni ulungile ukuba kungakhiwa kuwo kwaye kwathethwa, kwavunyelwana nabahlali bendawo ngesiza eso.
Igosa lwakwamasipala, uMnumzana Raymond Mkontwana (Manejala wecandelo elijongene noLawulo lweNkunkuma nokusiNgqongileyo: Waste & Environment Manager: Community Services) uhlomle waqinisekisa kubahlali ukuba yonke imithetho malunga nokusekwa kwale ndawo ilandelwe, kwaye umasipala uza kusebenzisana namasebe achaphazelekayo afana nelemicimbi yendalo esigqongileyo kunye neSebe elijongene nemicimbi yamanzi ukuqinisekisa ukuba zonke izivumelwano ziyalandelwa kwaye kuza kusekwa ikomiti eza kukhokhela (Steering Committee) neza kusebenzisana nomasipala kujongiswe ekubeni lomcimbi wokwenza le projekthi ube yimpumelelo.
Kwingcaciso nengxoxo ezenziweyo, uluntu luphakamise imibuzo malunga nokukhethwa kwendawo le sele ichaziwe befuna nokuqondiswa ngokhuseleko lwemfuyo yabo, abantwana kunye namathuba engqesho azakuza avele ngolwakhiwo lwe projekthi.














